Yiya kwinkcazelo

 Fundisa Abantwana Bakho

Umtshana KaPawulos—Wasindisa Ubomi Bukamalume Wakhe

Umtshana KaPawulos—Wasindisa Ubomi Bukamalume Wakhe

NGABA ubusazi ukuba umpostile uPawulos wayenezalamane ezazingabalandeli bakaYesu? *— Kuyabonakala ukuba ezo zalamane yayingudade wabo kunye nonyana wakhe. Ngulo nyana ke owayengumtshana kaPawulos owasindisa ubomi bakhe! Asilazi igama lakhe okanye elikanina kodwa siyayazi into awayenzayo. Ungathanda ukuva ukuba wenza ntoni?—

UPawulos usandula ukubuya kuhambo lwakhe lwesithathu lobuvangeli basemazweni yaye useYerusalem. Mhlawumbi kungowama-56 C.E. UPawulos ubanjiwe yaye uza kuthunyelwa kwinkundla yamatyala. Kodwa iintshaba zakhe azifuni uPawulos aye etyaleni. Zifuna ukumcim’ igama! Ngoko zifihla amadoda angama-40 ukuba amlalele endleleni ukuze ambulale.

Umtshana kaPawulos uyeva ngeli yelenqe. Uyazi ukuba wenza ntoni?— Uxelela uPawulos yonke into. Ngoko nangoko uPawulos uxelela igosa lomkhosi oku: “Khokela lo mfana umse kumphathi-mkhosi, kuba kukho okuthile afuna ukumxelela kona.” Igosa lithatha umfana limse kumphathi mkhosi uKlawudiyo Lisiya, lize limxelele ukuba lo mfana ufuna ukumxelela into ebalulekileyo. UKlawudiyo umbizela ecaleni umtshana kaPawulos, yaye umfana umchazela yonke into.

UKlawudiyo ulumkisa umtshana kaPawulos esithi kuye: “Musa ukudiza nakubani na ukuba uzenze zacaca ezi zinto kum.” Emva koko ubiza amagosa amabini omkhosi aze awayelele ukuba eze namajoni angama-200, amadoda angabakhweli bamahashe angama-70 nababinzi abangama-200 ukuze kuyiwe eKesareya. Ngentsimbi yethoba ngobo busuku amadoda angama-470 akhusela uPawulos aze amse eKesareya kwiRhuluneli yaseRoma uFeliks. Kwileta ambhalela yona uKlawudiyo uxelela uFeliks ngeyelenqe lokubulala uPawulos.

Loo nto inyanzela amaYuda ukuba aye enkundleni eKesareya ukuze achaze isizathu sokummangalela kwawo. Kakade ke amaYuda akanabungqina bokuba uPawulos unetyala. Nakuba kunjalo uPawulos uvalelwa entolongweni iminyaka  emibini ngaphandle kwesizathu. Ngenxa yoko ucela ukuba ityala lakhe lidluliselwe eRoma yaye liyadluliselwa.—IZenzo 23:16–24:27; 25:8-12.

Yintoni esiyifunda kweli bali lomtshana kaPawulos?— Sifunda ukuba kufuneka sibe nesibindi ukuze sithethe xa kusonakala yaye xa sisenza kanjalo sinokusindisa ubomi babanye abantu. Kwanaxa uYesu wayesazi ukuba iintshaba zakhe ‘zazifuna ukumbulala’ waqhubeka eshumayela ngoBukumkani bukaThixo. UYesu wasiyalela ukuba nathi senze loo nto. Ngaba siza kuyenza? Siya kuyenza ukuba sinesibindi njengomtshana kaPawulos.—Yohane 7:1; 15:13; Mateyu 24:14; 28:18-20.

UPawulos wathi kumhlobo wakhe oselula uTimoti: “Zilumkele wena nemfundiso yakho. Hlala kwezi zinto, kuba ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.” (1 Timoti 4:16) Siqinisekile ke ngoko ukuba umtshana kaPawulos wenza kanye njengoko wayetshilo umalume wakhe. Ngaba nawe uza kwenza njalo?

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.