Yiya kwinkcazelo

 Imibuzo Yabafundi

UYesu Noyise Banye Ngayiphi Indlela?

UYesu Noyise Banye Ngayiphi Indlela?

UYesu wathi: “Mna noBawo sibanye.” (Yohane 10:30) Abanye bacaphula esi sibhalo xa bengqina ukuba uYesu noYise babumba uThixo oneziqu ezithathu. Ingaba uYesu wayethetha loo nto xa wayesithi yena noYise banye?

Makhe sijonge umongo wesi sibhalo. Kwivesi 25 uYesu wathi wayesenza imisebenzi egameni likaYise. Ukususela kwivesi yama-27 ukuya kweyama-29 wathetha ngezimvu zokomfuziselo awayezinikwe nguYise. Ukuba ke ngoko yena noYise babengumntu omnye, uYesu wayeza kuba uthetha eziphikisa kwezo vesi. Kodwa ke eyona nto wayeyithetha yayikukuba ‘Mna noBawo simanyene kangangokuba akukho mntu unokohlutha izimvu kum, kanye njengokuba zingenakohluthwa kuBawo.’ Kufana naxa unyana esithi kutshaba lukayise, ‘Xa uhlasela uBawo uhlasela mna.’ Akakho umntu obenokucinga ukuba lo nyana noyise bangumntu omnye. Kodwa ke bonke bebeza kuqonda ukuba bamanyene.

UYesu noYise uYehova uThixo “banye” ngengqiqo yokuba bavumelana ngokupheleleyo ngeenjongo nemilinganiselo yabo. Ngokwahlukileyo kuSathana uMtyholi kunye noAdam noEva, uYesu akazange nanini na afune ukuzimela geqe kuThixo. “UNyana akanakwenza nanye into ngokwakhe, ngaphandle koko abona uYise ekwenza. Kuba naziphi na izinto azenzayo Yena, noNyana uyazenza ngokufanayo.”—Yohane 5:19; 14:10; 17:8

Kodwa ukumanyana kukaThixo noNyana wakhe uYesu akuwenzi ungabikho umahluko phakathi kwabo. Bangabantu ababini abahlukeneyo. Ngamnye kubo unobuntu bakhe. UYesu uneemvakalelo, iingcamango amava kunye nenkululeko yokuzikhethela. Nakuba kunjalo wakhetha ukwenza intando kaYise. Ngokutsho kukaLuka 22:42, uYesu wathi: “Makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.” La mazwi ebengayi kuba nantsingiselo ukuba ukuthanda kwakhe kwakungahlukanga kokukaYise. Ukuba uYesu noYise bangumntu omnye, kwakutheni ukuze uYesu athandaze kuThixo aze athobeke avume ukuba kwakukho izinto awayengazazi yena kodwa zisaziwa nguYise kuphela?—Mateyu 24:36.

Iinkonzo ezininzi zinqula oothixo ekuthiwa bayaxabana yaye balwa namanye amalungu eentsapho zabo. Ngokomzekelo kwenye intsomi yamaGrike kuthiwa uCronus wabhukuqa uyise u-Uranus waza watya abantwana bakhe. Le nto yahluke ngokupheleleyo kubunye obusekelwe kuthando phakathi kukaYehova uThixo kunye noNyana wakhe uYesu. Ukumanyana kwabo kusenza sibathande. Eneneni sinelungelo elingenakuthelekiswa nanto lokumanyana nabona Bantu bakhulu kwindalo yonke. UYesu wabathandazela wathi abalandeli bakhe: “Ndenza isicelo. . .ukuze bonke babe banye, kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe, ukuze nabo bamanyane nathi.”—Yohane 17:20, 21.

Ngaloo ndlela, xa uYesu wayesithi, “Mna noBawo sibanye,” wayengathethi ngoBathathu Emnye kodwa wayethetha ngendlela amanyene ngayo noYise.