Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Iindlela Zokwenza Iintsapho Yakho Yonwabe

Ncokola Nabantwana Bakho Ngesondo

Ncokola Nabantwana Bakho Ngesondo

UNosipho, * intombazana eselula uthi: “Ndiyafuna ukuba nolwazi ngesondo kodwa ndicinga ukuba abazali bam baza kuthi ndifuna ukuziphatha kakubi xa ndibabuza.”

UThozama, umama kaNosipho uthi: “Ndiyafuna ukuthetha nentombi yam ngesondo kodwa ixakeke kakhulu zizinto zobomi bayo. Kunzima ukufumana ixesha lokuncokola.”

NAMHLANJE kuthethwa ngesondo yonke indawo—kumabonwakude, kwiimovies nakwizibhengezo zentengiso. Kubonakala ngathi ngabazali nabantwana babo kuphela abantu abangancokoliyo ngalo. Ityendyana lomfana waseKhanada ekuthiwa nguMichael lithi: “Akwaba abazali bebesazi ukuba kunzima kangakanani ukuthetha nabo ngesondo. Kulula ukuthetha ngalo nomhlobo.”

Nabazali badla ngokuba madolw’ anzima ukuthetha ngesondo, njengoko kunjalo nakubantwana. Kwincwadi ethi Beyond the Big Talk, isazi ngempilo uDebra W.Haffner uthi: “Abazali abaninzi baye bandixelela ukuba bathengela abantwana babo incwadi ethetha ngesondo okanye ngokufikisa baze bayishiye kwigumbi lakhe, bangaze baphinde bathethe ngayo.” UHaffner uthi kuyacaca ukuba eyona itshiwo ngabazali kubantwana yile: “Siyafuna wazi ngomzimba wakho nangesondo kodwa ke loo nto awuzukuyixelelwa sithi.”

Ukuba ungumzali kuza kufuneka wenze ngendlela eyahlukileyo. Kubalulekile ukuba uthethe nabantwana bakho ngesondo, ngenxa yezi zizathu zithathu:

  1. Indlela ekuchazwa ngayo ukwabelana ngesondo itshintshe kakhulu. UJames oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Ukwabelana ngesondo akusachazwa njengoko kwenziwa yindoda nomfazi wayo kuphela. Namhlanje isondo lenziwa emlonyeni, ezimpundu, kwi-internet nangefowuni.”

  2. Abantwana bakho basenokufundiswa izinto ezigqwethekileyo besebancinane. Omnye umama ekuthiwa nguSheila uthi: “Baza kuqalisa ukuva ngesondo besaqala nje esikolweni yaye abazukufunda le nto ufuna bayazi.”

  3. Abantwana bakho bayafuna ukwazi ngesondo kodwa abanakufane bakubuze. UAna waseBrazil oneminyaka eli-15 ubudala uthi: “Andazi ukuba ndingakuqala ngaphi ukuthetha nabazali bam ngesondo.”

 Eneneni ukuthetha nabantwana bakho ngesondo yinxalenye yembopheleleko oyinikwe nguThixo njengomzali. (Efese 6:4) Siyavuma, kusenokuba nzima ukuthetha ngesondo. Kodwa kuyakhuthaza ukwazi ukuba ulutsha oluninzi luyavumelana noDanielle oneminyaka eli-14 xa esithi: “Sifuna ukufundiswa ngabazali bethu ngesondo, kungekhona ootitshala okanye umabonwakude.” Unokuthetha njani ke ngoko nomntwana wakho ngalo mbandela ubalulekileyo kodwa ontununtunu? *

Cingela Ubudala Babo

Abantwana baqalisa ukuva ngesondo besebancinane kakhulu, ngaphandle kokuba bahlala bodwa. Okubi nangakumbi kukuba kule “mihla yokugqibela” abantu abangendawo baye bahambela phambili “ebubini.” (2 Timoti 3:1, 13) Okulusizi kukuba abantwana abaninzi baxhatshazwa ngokwesondo ngabantu abadala.

Kubalulekile ukuba uqalise ukubafundisa besebancinane abantwana bakho. Umama waseJamani ekuthiwa nguRenate uthi: “Ukuba uyabalinda de bafike kwishumi elivisayo, basenokungakhululeki ngenxa yeentloni ezibangelwa kukufikisa.” Into ebalulekileyo kukubanika ulwazi olufanele ubudala babo.

Kubantwana abangekaqali esikolweni:

Bafundise amagama amalungu abo esini uze ubaxelele ukuba akakho umntu ofanele awaphathaphathe. Umama waseMexico ekuthiwa nguJulia uthi: “Ndaqalisa ukufundisa unyana wam eseneminyaka emithathu kuphela ubudala. Kwakundikhathaza gqitha ukwazi ukuba usenokwenzakaliswa ngootitshala, iimpelesi nangabanye abantwana. Ndandifuna akwazi ukuzikhusela.”

ZAMA ELI CEBISO: Fundisa umntwana wakho ukuba ale ngoko nangoko xa kukho umntu ofuna ukudlala ngamalungu akhe esini. Ngokomzekelo, usenokufundisa umntwana wakho ukuba athi: “Ndiyeke! Ndiza kukuxela!” Mqinisekise umntwana wakho ukuba ufanele amxele umntu owenza loo nto naxa loo mntu emthembisa ngokumpha izipho okanye emsongela. *

Xa befunda kumabanga aphantsi:

Lwandise ngokuthe ngcembe ulwazi lwabo. Omnye utata ekuthiwa nguPeter ucebisa ngelithi: “Qala uve isiziba ngodondolo. Qonda izinto asele ezazi nokuba uyafuna na ukwazi ezingakumbi. Musa ukumncokolisa ngenkani. Kuya kuba lula xa uqhele ukuncokola nabantwana bakho.”

ZAMA ELI CEBISO: Musa ukubafundisa izinto ezininzi ngexesha elinye kodwa ncokola nabo ngokuqhubekayo. (Duteronomi 6:6-9) Ngaloo ndlela awuyi kubangxixha ngolwazi abantwana bakho. Kakade ke, baya kulufumana ulwazi olungakumbi njengoko besiya bekhula.

Xa befikisa:

Eli lixesha lokuba ufundise umntwana wakho indlela umzimba, iimvakalelo kunye nemilinganiselo yokuziphatha ebandakanyeke ngayo kwisini. UAna oneminyaka eli-15 ubudala nobecatshulwe ngasentla uthi: “Amakhwenkwe namantombazana asesikolweni sele eqalile ukutswebelana. Ekubeni ndingumKristu ndicinga ukuba ndifanele ndibe nolwazi olwaneleyo ngalo mba. Nangona ingumbandela obangela iintloni, ndicinga ukuba ndifanele ndazi ngawo.” *

Isilumkiso: Abantwana badla ngokuba mathidala ukubuza imibuzo kuba becinga ukuba abazali baza kurhanela ukuba baziphethe kakubi. Wafumanisa loo nto utata ekuthiwa nguSteven. Uthi: “Unyana wethu wayengafuni ukuthetha nathi ngesondo. Kodwa ke kamva  safumanisa ukuba wayecinga ukuba asimthembanga. Sakwenza kwacaca kuye ukuba sasingancokoli naye kuba simrhanela ngokuziphatha okubi, kodwa sasifuna ukuqiniseka ukuba unolwazi oluza kumnceda angakhohliswa ngabanye.”

ZAMA ELI CEBISO: Kunokuba ubuze umntwana wakho ofikisayo imibuzo engqalileyo ngenkalo ethile yesondo, mbuze ukuba abantwana afunda nabo bathini ngayo. Ngokomzekelo, usenokuthi: “Abantu abaninzi namhlanje bathi isondo elenziwa emlonyeni asilosondo lokwenene. Ngaba nabantwana ofunda nabo bacinga njalo?” Imibuzo engangqalanga inokwenza umntwana aphalaze imbilini yakhe.

Ukoyisa Iintloni

Kuyavunywa ukuba ukuthetha nomntwana wakho ngesondo kusenokuba yenye yezona zinto zinzima ekufuneka uzenze njengomzali. Kodwa ke akulolize ukuyenza. Omnye umama ekuthiwa nguDiane uthi: “Ekuhambeni kwexesha iintloni ziyaphela yaye ukuncokola nomntwana wakho ngesondo kunenza nisondelelane nangakumbi.” NoSteven obecatshulwe ngaphambili uyavuma esithi: “Kuba lula ukuthetha ngesondo xa niqhele ukuncokola ngokukhululekileyo ngayo nantoni na evelayo entsatsheni.” Wongezelela athi: “Akude kube lula ngokupheleleyo ukuncokola ngesondo, kodwa kubalulekile ukuba iintsapho zamaKristu zincokole ngokukhululekileyo.”

^ isiqe. 3 Amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 11 Eli nqaku liza kuthetha ngesizathu sokuba kufuneka uthethe nabantwana bakho ngesondo. Likho eliza kulandela nelithetha ngendlela yokufundisa abantwana ukuziphatha kakuhle.

^ isiqe. 16 Le nkcazelo ithatyathwe kwiphepha 171 lencwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 19 Sebenzisa isahluko 1-5, 28, 29 nesama-33 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, xa uncokola nomntwana wakho ofikisayo ngesondo.

ZIBUZE . . .

Funda ezi zinto zilandelayo eziye zathethwa lulutsha olwahlukahlukeneyo ehlabathini uze uzibuze nemibuzo elandelayo.

“Abazali bam bathi mandifunde iincwadi ezithetha ngesondo ndize ndiye kubo xa ndinemibuzo. Kodwa akwaba bebendifundisa okungakumbi ngesondo.”—uAna waseBrazil.

Kutheni ucinga ukuba kufuneka wenze okungakumbi kunokusuka nje unike umntwana wakho incwadi ukuze azifundele?

“Ndazi izinto ezininzi ezingatshongo khona ngesondo, yaye ndicinga ukuba utata akanalo nofifi ngazo. Angothuk’ afe xa ndinokumbuza ngazo.”—uKen waseKhanada.

Yintoni enokwenza umntwana wakho oyike ukuthetha nawe ngezinto ezimkhathazayo?

“Xa ndade ndazincama ndaza ndabuza abazali bam ngesondo, bandiphendula ngokungathi bayandityhola, besithi, “Ubuziswa yintoni? Ngaba kukho into eyenzekileyo?’”—uMasami waseJapan.

Xa umntwana ekubuza ngesondo, impendulo yakho inokumenza njani afune ukuthetha okungakumbi okanye angaphindi afune ukuthetha?

“Ibiya kundinceda kakhulu into yokuba abazali bam bandixelele ukuba xa babengangam babenemibuzo efanayo neyam yaye akukho nto iphosakeleyo xa ndiyibuza.”—uLisette waseFransi.

Unokumenza njani umntwana wakho athethe ngokukhululekileyo nawe ngesondo?

“Umama wayedla ngokuthetha ngokukhululekileyo ngesondo nam. Ndicinga ukuba loo nto ibalulekile ukuze umntwana angacingi ukuba uyatyholwa.”—uGerald waseFransi.

Liba njani ilizwi lakho xa uncokola nomntwana wakho ngesondo? Ngaba kufuneka wenze utshintsho?