Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

UThixo Uyakulondoloza

UThixo Uyakulondoloza

“Amehlo akhe asezindleleni zomntu, yaye onke amanyathelo akhe uyawabona.”—YOBHI 34:21.

Ngenxa yokuba bebancinci, abantwana bafuna ukuhoywa ngumzali

ISIZATHU SOKUBA ABANYE BANGAQINISEKI: Ngokusuka kuphando lwakutshanje, igalaksi yethu iyodwa nje iqulethe izijikelezi-langa ezilikhulu leebhiliyoni. Ngenxa yolwazi ngobukhulu bendalo, abaninzi bayabuza, ‘Kutheni le nto kufuneka uMdali ongusomandla abukele abantu nezinto abazenzayo kulo mhlaba mncinci?’

OKO KUFUNDISWA LILIZWI LIKATHIXO: UThixo akasinikanga nje iBhayibhile waza waphelelwa ngumdla kuthi. Kunoko, uYehova usiqinisekisa ngelithi: “Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.”—INdumiso 32:8.

Cinga ngoHagare, umYiputakazi weminyaka yee-1900 ngaphambi kokuzalwa kukaYesu. UHagare wayengamthobeli umqeshi wakhe uSarayi, uSarayi yena wamgculela, waza uHagare wabalekela entlango. Ekubeni uHagare wayenze impazamo, ngaba uThixo wamcaphukela? IBhayibhile ithi: ‘Ingelosi kaYehova yamfumana.’ Loo ngelosi yamqinisekisa uHagare yathi: “UYehova uyivile inkxwaleko yakho.” Waza uHagare yena wathi kuYehova: “Wena unguThixo obonayo.”—Genesis 16:4-13.

‘UThixo obonayo,’ uyakubona nawe. Ukuzekelisa nje: Umama onothando uyabalondoloza abantwana bakhe. Ngenxa yokuba bebancinci bafuna ukuhoywa ngumzali. Ngokufanayo ke, noThixo uyasondela kuthi xa sityumkile, sibonakala singenamncedi. UYehova uthi: “Ndihlala kwindawo ephakamileyo nakwindawo engcwele, kanjalo nakotyumkileyo nonomoya othobekileyo, ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.”—Isaya 57:15.

Sekunjalo, usenokubuza ukuba: ‘UThixo undilondoloza njani? Ngaba undigweba ngokwembonakalo, okanye ujonga umntu endinguye ngaphakathi?’