Yiya kwinkcazelo

Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?

Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?

Ngaba unokuthi . . .

  • ewe?

  • hayi?

  • mhlawumbi?

ITHINI IBHAYIBHILE?

“UThixo uza kuvusa abantu.”​—IZenzo 24:15, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?

Iza kukuthuthuzela xa uswelekelwe.​—2 Korinte 1:3, 4.

Iza kukunceda ungakoyiki ukufa.​—Hebhere 2:15.

Iza kukunceda ube nethemba lokuphinda uphile nabantu bakho aph’ emhlabeni.​—Yohane 5:28, 29.

NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:

  • UThixo nguMdali. IBhayibhile ithi uYehova uThixo ‘unika bonke abantu ubomi, umoya abawuphefumlayo nazo zonke izinto.’ (IZenzo 17:24, 25; INdumiso 36:9) Umntu owazinika ubomi zonke izinto eziphilayo, akanakuxakwa kukuvusa umntu oswelekileyo.

  • UThixo wakha wabavusa abantu. IBhayibhile isixelela ngabantu abasibhozo, abatsha, abadala, amadoda namabhinqa, abavuswayo. Abanye babesandokusweleka, kanti omnye wayesele eneentsuku ezine esengcwabeni.​—Yohane 11:39-44.

  • UThixo ukufuna nyhani ukuphinda ayenze le nto. UYehova uyakucaphukela ukufa; ukujonga njengotshaba. (1 Korinte 15:26) Ukufuna ngamandla ukuvusa abantu abaswelekileyo baze baphinde baphile emhlabeni.​—Yobhi 14:14, 15.

NANK’ UMBUZO

Kutheni sisaluphala size sife?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KWIGENESIS 3:17-19 NAKUMAROMA 5:12.