Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
Ngaba unokuthi . . .
-
ewe?
-
hayi?
-
mhlawumbi?
ITHINI IBHAYIBHILE?
“UThixo . . . uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.”—ISityhilelo 21:3, 4, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.
INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?
Unokuqiniseka ukuba ayingoThixo owenza sibe neengxaki.—Yakobi 1:13.
Kunokukuthuthuzela ukwazi ukuba uThixo uyayiqonda indlela esiziva ngayo xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu.—Zekariya 2:8.
Kukunika ithemba lokuba izinto ezibuhlungu ziza kuphela.—INdumiso 37:9-11.
NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?
Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:
-
UThixo akazithandi izinto ezimbi nokungabikho kobulungisa. Ngaba uyayazi indlela awaziva ngayo uThixo xa abantu bakhe baphathwa kakubi ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile? IBhayibhile ithi waba buhlungu xa ‘babecinezelwa yaye bexhatshazwa.’—ABagwebi 2:18.
UThixo akabafuni abantu abaphatha kakubi abanye. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi ‘izandla ezichitha igazi elimsulwa’ uyazonyanya.—IMizekeliso 6:16, 17.
-
UThixo ukhathalele ngamnye wethu. Uthi masiliphose kuye lonke ixhala lethu ‘kuba usikhathalele.’—1 Petros 5:7.
Kungekudala, uYehova uza kuziphelisa izinto ezibuhlungu esebenzisa uBukumkani bakhe. (Mateyu 6:9, 10) Okwangoku, uyabathuthuzela abo bamfuna nyhani.—IZenzo 17:27; 2 Korinte 1:3, 4.
NANK’ UMBUZO
Kutheni uThixo evumele izinto ezibuhlungu zenzeke?
IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KUMAROMA 5:12; NAKWEYE-2 KAPETROS 3:9.