Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndikuthembile

Ndikuthembile
  1. 1.Njengomth’ otyalw’ emhlabeni

    Amazw’ akh’ angene

    Kwintliziyo yam enz’ ingqondo yam yanoxolo.

    Noba kuvela ntoni

    Lizwi lakho l’soloko

    Ngalo lonk’ ixesha lindikhumbuz’ uba

    (PRE-CHORUS)

    Ndiqhube; ndingoyiki

    Ndikuthemb’ oko ukutshoyo

    (CHORUS)

    Xa kunzim’ izwi lakho

    Lindinika amandla

    Ibe ndiya ndikuthemba yonke imihla.

  2. 2. Xa ndityhafa ekwenzeni

    endikwazi klungile

    Ndiyazi uya kusolok’ undinceda

    K’thath’ ixe-sh’ ukcing’sisa

    Ngoko ndikfundileyo

    Kuze kona kundikhuthaze uk’ba

    (PRE-CHORUS)

    Ndiqhube; ndingoyiki

    Ndikuthemb’ oko ukutshoyo

    Ndingajo-ngi iingxaki zodwa

    Mandijonge ngaphaya kwazo

    (CHORUS)

    Xa kunzim’ izwi lakho

    Lindinika amandla

    Ibe ndiya ndikuthemba yonke imihla

    Mihla

    (PRE-CHORUS)

    Ndiqhube; ndingoyiki

    Ndikuthemb’ oko ukutshoyo

    Ndingajo-ngi iingxaki zodwa

    Mandijonge ngaphaya kwazo

    (CHORUS)

    Xa kunzim’ izwi lakho

    Lindinika amandla

    Ibe ndiya ndikuthemba yonke imihla