Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinganako Ngokholo

Ndinganako Ngokholo
  1. 1. Bendisoloko ndinemibuzo

    Ndikuve kakuhle ndaba nomdla.

    Kok’ ukutshoyo, ndaba nomdla.

    Imibuzo yam yaphenduleka.

    Konke ukuxhalaba kwaphela.

    Amaxhala am aphela.

    (CHORUS)

    Kuthath’ ithuba kodwa,

    Nd’nganako ngokholo.

    Xa kubonakala kunzima,

    Nd’nganako ngokholo

    Ndinganako.

  2. 2. Ndiyakuthanda endik’vileyo.

    Nokushumayel’ ebantwini.

    Ndik’lungele

    Uk’shumayela.

    Ukholo lwam luyavutha ngaphakathi kum.

    Ndimele ndilugcine lunjalo.

    Luvuth’ entliziyweni yam.

    (CHORUS)

    Kuthath’ ithuba kodwa,

    Ndiyazi ukuba :

    Xa kubonakala kunzima,

    Nd’nganako ngokholo

    Ndinganako.

    (BRIDGE)

    Xa sisehlelwa zizintw’ ezib’hlungu.

    Sithandaza rhoqo, sisondele k’Yehova.

    Uthe, “Ukub’ uyandithemba,

    Ndzokuph’ amandl’ uz’ubone

    Sozilwa kunye iingxa-

    ki ezivelayo

    (CHORUS)

    Kuthath’ ithuba kodwa,

    Ndiyazi ukuba:

    Xa kubonakala kunzima,

    Nd’nganako ngokholo.

    (CHORUS)

    Ngoku ndiqinisekile,

    Nd’nganako ngokholo.

    Xa kubonakala kunzima,

    Nd’nganako ngokholo

    Ndinganako.