Yiya kwinkcazelo

MEYI 26, 2017
ERASHIYA

INgqina LikaYehova Elazalelwa EDenmark Libanjwe ERashiya Emva Kokuba Amapolisa Ephazamise Intlanganiso Yawo

INgqina LikaYehova Elazalelwa EDenmark Libanjwe ERashiya Emva Kokuba Amapolisa Ephazamise Intlanganiso Yawo

ENEW YORK—Emva kwesigqibo esenziwa yiNkundla Ephakamileyo YaseRashiya ngamaNgqina ngoAprili 20, 2017, kwabanjwa iNgqina elazalelwa eDenmark namanye aseRashiya emva kokuba amapolisa ephazamise intlanganiso yawo ngoMeyi 25, 2017.

UDennis Christensen

Kwintlanganiso yonqulo lwamaNgqina KaYehova eOryol (eyaziwa nangokuba yiOrel) efotwe ngentla, kwangena amadoda ayi-15 ephethe imipu, ingamapolisa nabantu beFederal Security Service (FSB). Amapolisa athatha ii-ID, iitablets neefowuni zabo bonke ababelapho. Abantu beFSB bemka noDennis Christensen, iNgqina LikaYehova elazalelwa eDenmark. Amapolisa aphinda agqogqa izindlu ezine zamaNgqina KaYehova ahlala kuloo dolophu.

Wagcinwa ubusuku bonke ngabantu beFSB, yaza iSoviet District Court yavumelana nabo, yathi uMnu. Christensen makavalelwe de kugqitywe ukwenziwa uphando. Emva kwesigqibo esenziwa yiNkundla Ephakamileyo YaseRashiya ngamaNgqina KaYehova, umntu wokuqala ongazalelwanga eRashiya owavalelwayo nguMnu. Christensen. Ukuba uye wafunyanwa enetyala, uza kuvalelwa ixesha elide.

Le nto yenziwe ngamapolisa kwintlanganiso yamaNgqina yenye yezinto ezibuhlungu ezingaphezu kwe-40 ezenziwe kuwo emva kokuba iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya iye yathi amaNgqina ayingozi yaza yavala iziko lawo elilapho neeofisi zawo eziyi-395.

Kwatshiswa indlu awayenqula kuyo amaNgqina KaYehova.

Kwiiyure nje ezimbalwa iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya isikhuphile isigqibo sayo, iqela labantu eSt. Petersburg lamosha indawo anqula kuyo amaNgqina KaYehova eRashiya, liwagrogrisa nokuwagrogrisa. Lamosha nezinye iindawo anqula kuzo kunye namakhaya awo eKaliningrad, eMoscow, ePenza, eRostov, eSt. Petersburg, eYekaterinburg, eVoronezh naseKrasnoyarsk. NgoMeyi 24, 2017, kwatshiswa indlu awayenqula kuyo amaNgqina ekwidolophu iZheshart, eKomi Republic. Amanye aye ahlaselwa, agrogriswa esikolweni nasemsebenzini, aphelelwa nayimisebenzi.

Isithethi samaNgqina KaYehova esikwikomkhulu lawo lehlabathi, uDavid A. Semonian, sithi: “AmaNgqina KaYehova asehlabathini lonke abuhlungu kakhulu yindlela aphethwe ngayo awaseRashiya. Zonke ezi zinto zenzeke emva kwesigqibo esenziwa yiNkundla Ephakamileyo YaseRashiya ngamaNgqina KaYehova. NgoMeyi 19, 2017, siye sacela ukuba inkundla iphinde isijonge esi sigqibo. Le nto iza kwenza ukuba abantu baseRashiya bayeke ukuwaphatha kakubi amaNgqina KaYehova. Sifake nesikhalazo sokuvalelwa kukaDennis Christensen engenzanga nto.”

Onokuqhagamshelana Naye:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000