Yiya kwinkcazelo

NGABA YADALWA?

Ubisi Lukamama

Ubisi Lukamama

 Incwadi yabantu ababelekisayo ithi, “Ubisi lwabantwana olungumgubo alusoze lufane nobisi lwebele.” Esinye sezizathu zokuba ubisi lukamama lube lolona lumncedayo umntana, kukuba umzimba kamama uyalutshintsha ukuze lukwazi ukuba yilento idingwa ngumntana.

 Khawucinge ngale nto: Qho umntana encanca kumama wakhe, ubisi luyatshintsha. Qho encanca, olu bisi luba neeproteyni ezininzi, iivithamini, iiminerali, kunye namanzi. Kanti xa sele encance okwexeshana, luba necream eninzi ukuze umntana ahluthe. Ubisi lukamama luyatshintsha ngokuhambisana neminyaka yomntana namaxesha onyaka.

 Xa kusebusuku, ubisi lukamama luba namadlala (iihormones) amaninzi ekuthiwa yimelatonin, enceda abantu bakwazi ukulala. Emini luba namanye amadlala ancedayo. La madlala enza umntana alale okanye avuke ukuze akwazi ukusoloko ezenza ngamaxesha afanelekileyo ezi zinto. Yonke le nto ixhomekeka kwixesha ancanca ngalo.

 Kwiintsuku zokuqala emva kokuba umama ezele, uye abe nobisi olunombala oyelo ekuthiwa yikholostram. Olu bisi kulula ukulusela ibe lunezondlo ezininzi, ngoko nokuba umntana uncance kancinane, lunceda kakhulu. Lunamajoni omzimba abalulekileyo akhusela umntwana ekufumaneni izifo. Enye into, luyasikhulula isisu somntana ukuze sikwazi ukucola ukutya.

 Oomama akunyanzelekanga ukuba babenexhala lokuba baza kuba nalo na ubisi olwaneleyo, kuba benziwe ukuze bakwazi ukukhupha ubisi olwaneleyo umntana aludingayo, nokuba banamawele.

 Ucinga ntoni? Ngaba ubisi lukamama nendlela emangalisayo oluzenza ngayo izinto lwazivelela? Okanye ngaba ladalwa?