Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ungayeki Ukusebenzisa Iimagazini

Ungayeki Ukusebenzisa Iimagazini

Ukususela ngo-2018, imagazini nganye ithetha ngento enye. Kaloku zonke ezi magazini ziZixhobo zethu Zokufundisa, ngoko singazisebenzisa xa sishumayela. Singaziphatha xa sisiya ezivenkileni naxa sizihambela njee. Kodwa asiqhubi ngazo izifundo zeBhayibhile, kunoko zisenokunceda umntu abe nomdla wokufunda ngoThixo.

Xa nincokola, usenokufunda naye umbhalo okanye uthethe ngomxholo okwimagazini xa ubona ukuba ungamnceda. Ngokomzekelo, ukuba uyabona ukuba ngumntu okhulisa intsapho, okanye unestres usenokuthi: “Bendisandokufunda ngaloo nto kanye. Ndingakubonisa?” Ukuba uyabona ukuba unomdla, usenokumnika ikopi eprintiweyo okanye umthumelele efowunini, nokuba uyaqala ukuncokola naye. Nangona singafuni ukuhambisa iimagazini nje kuphela, kodwa zinokusinceda sikwazi ukufumana abo bazimiseleyo ukuzenza izinto abazifundayo.​—IZe 13:48.

2018

2019

2020

 

Kwindawo oshumayela kuyo, ziintoni abantu abathanda ukuthetha ngazo?