Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Sibonisa Uthando Xa Sixhasa Ingqeqesho KaYehova

Sibonisa Uthando Xa Sixhasa Ingqeqesho KaYehova

Xa umntu ekhutshelwa ngaphandle, loo nto ikhusela ibandla ibe inceda naloo mntu ungafuniyo ukuguquka. (1Ko 5:6, 11) Xa sixhasa ingqeqesho kaYehova, sibonisa uthando. Kodwa le nto ilubonisa njani uthando xa ukukhutshelwa ngaphandle komntu kukhathaza abantu abaninzi, kuquka intsapho yakhe nabadala abaxoxa amatyala?

Ngaphezu kwayo nantoni na, sibonisa uthando kuYehova negama lakhe, ibe siyazihlonipha izinto athi zicocekile. (1Pe 1:14-16) Sibonisa nokuba siyamthanda loo mntu ususiweyo. Xa eqeqeshwa kuba buhlungu, kodwa usenokuba “nesiqhamo soxolo esibubulungisa.” (Heb 12:5, 6, 11) Siphazamisa ingqeqesho kaYehova xa sihlobana nomntu osusiweyo okanye ozikhetheleyo ukuyeka ukuba liNgqina likaYehova. Masikhumbule ukuba uYehova ubaqeqesha ‘ngendlela ebafaneleyo’ abantu. (Yer 30:11) Siba nethemba lokuba loo mntu uza kubuyela kuTata wethu onenceba. Kodwa asiyeki ukuxhasa indlela amqeqesha ngayo ibe senza konke esinako ukuze siqinise ubuhlobo bethu noYehova.​—Isa 1:16-18; 55:7.

BUKELA IVIDIYO ETHI UKUNGAGUNGQI EKUTHOBELENI UYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Yeyiphi intlungu eviwa ngabazali abangamaKristu xa umntwana wabo eshiya uYehova?

  • Ibandla lingayixhasa njani intsapho yalowo uyekileyo ukuba liNgqina?

  • Leliphi ibali eliseBhayibhileni elisibonisa ukuba kubaluleke kakhulu ukunyaniseka kuYehova ngaphezu kweentsapho zethu?

  • Singabonisa njani ukuba sithembeke kuYehova ngaphezu kweentsapho zethu?