Imiboniso
IMBONISELO
Umbuzo: Ngaba ucinga ukuba ihlabathi beliya kuba ngcono ukuba wonke umntu ebephila ngalo mgaqo?
Isibhalo: Heb 13:18
Unokuthi: IBhayibhile isikhuthaza ukuba sinyaniseke kwizinto zonke. Ngenxa yoko, sifanele sinyaniseke kwiinkalo zonke zobomi bethu. Lo ngumxholo weMboniselo.
IMBONISELO (iphepha elingasemva)
Umbuzo: Ndingaluvuyela uluvo lwakho kulo mbuzo. [Funda umbuzo wokuqala.] Abanye abantu bakholelwa ekubeni emva kokuba umntu efile uba kwesinye isimo, ngoxa abanye becinga ukuba umntu akasoze aphinde aphile emva kokuba efile. Yintoni wena oyikholelwayo?
Isibhalo: INt 9:5
Unokuthi: Eli nqaku licacisa okungakumbi ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngalo mbandela. Ungathanda ukuzifundela lona? Singancokola ngalo ngelinye ixesha.
IINDABA EZILUNGILEYO EZIVELA KUTHIXO!
Unokuthi: Ndizele ukuza kukubonisa indlela abantu esibafundisa ngayo iBhayibhile simahla. Le ncwadana ikubonisa eBhayibhileni yakho iimpendulo zemibuzo ebalulekileyo.
Umbuzo: Ngaba wakha wayifunda iBhayibhile? Ndicela ukukubonisa indlela efundwa ngayo le ncwadana. [Buza umbuzo 1 kwisifundo 2.]
Isibhalo: ISi 4:11
ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO
Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.