INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukubeka Isiseko Sokubuyela
KUTHENI KUBALULEKILE:
Sifuna ukuyinkcenkceshela imbewu yenyaniso esiye sayityala. (1Ko 3:6) Xa sifumana umntu onomdla kuhle ukushiya umbuzo esiza kuwuphendula xa sibuya. Le nto iza kwenza ukuba asoloko ekhangele phambili, kuze kube lula xa silungiselela ukubuyela. Xa sibuyela sinokumxelela ukuba size kuphendula umbuzo ebesiwuphakamise kwixesha elidlulileyo.
INDLELA YOKUBUYELA:
-
Xa ulungiselela intshumayelo yendlu ngendlu, quka nombuzo oza kuwuphendula xa ubuyela. Isenokuba ngumbuzo ophendulwa kuncwadi oluhambisayo. Okanye isenokuba ngumbuzo ophendulwa kwenye yeencwadi esifundisa ngazo, oceba ukumbonisa yona xa ubuya.
-
Xa uqukumbela incoko yakho nomntu onomdla, mchazele ngomnqweno onawo wokuphinda uncokole naye uze umchazele ngombuzo obuwulungiselele. Ukuba kunokwenzeka, bhala phantsi iinkcukacha zakhe.
-
Ukuba uthe kuye uza kubuya ngexesha elithile, sigcine isithembiso sakho.—Mat 5:37.