INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ilungelo Esinalo Lokwakha Nokunyamekela Iindawo Zonqulo Lokwenyaniso
Ukwakhiwa kwetempile yamaSirayeli kwakungumsebenzi ibe kuziindleko. Sekunjalo, amaSirayeli awuxhasa ngenkuthalo lo msebenzi. (1Kr 29:2-9; 2Kr 6:7, 8) Emva kokuba itempile yayigqityiwe, ukuyinyamekela kwamaSirayeli kwakubonisa enoba ayamthanda uThixo okanye akunjalo kusini na. (2Ku 22:3-6; 2Kr 28:24; 29:3) Namhlanje, amaKristu achitha ixesha elininzi namandla awo esakha, ecoca, enyamekela iiHolo zoBukumkani neeHolo zeNdibano. Noko ke, ukusebenza kunye noYehova ngale ndlela lilungelo elikhulu ibe sikwanikela inkonzo engcwele.—Nd 127:1; ISi 7:15.
SINOKUNCEDISA . . .
-
Ngokucoca emva kwentlanganiso nganye. Ukuba iimeko azisivumeli, singachola izinto ezimdaka ezikufutshane nendawo ebesihleli kuyo.
-
Ngokubakho xa kucocwa naxa kunyanyekelwa iHolo yoBukumkani. Xa abantu bebaninzi umsebenzi uba lula ibe kuba mnandi.—lv 92-93 ¶18.
-
Ngokuxhasa ngemali. Kwanomnikelo ‘weengqekembe ezimbini oxabiso lincinane’ osuka entliziyweni uyakholiswa nguwo uYehova.—Mar 12:41-44.
-
Ngokuba ngamatsha-ntliziyo ekwakhiweni nasekuhlaziyweni kwezakhiwo zokunqulela ukuba iimeko ziyasivumela. Akuyomfuneko ukuba sibe ngamachule okwakha ukuze sincedise.