Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Abafazi Abadala Baphathe Njengoomama Bakho, Abancinci Bona Njengoodadewenu

Abafazi Abadala Baphathe Njengoomama Bakho, Abancinci Bona Njengoodadewenu

IZibhalo zithi amaKristu akhulileyo masiwaphathe njengoomama nootata bethu, amancinci wona njengabantakwethu noodadewethu. (Funda u-1 Timoti 5:1, 2.) Abazalwana bafanele babahloniphe kakhulu oodade baze babaphathe ngesidima.

Umzalwana akafanele ancwase okanye enze nantoni na enokwenza udade azive engakhululekanga. (Yobhi 31:1) Umzalwana ongatshatanga akafanele enze izinto ezinokwenza udade ongatshatanga acinge ukuba uyamthanda, mhlawumbi loo mzalwana ade enze ngathi ufuna bathandane kungekho njalo.

Abadala bafanele babonise ububele xa udade ebuza okanye ethetha into esenokudinga ukuhoywa. Abadala bafanele babacingele nakakhulu abafazi abangenabayeni abaza kubakhusela.—Rut 2:8, 9.

BUKELA IVIDIYO ETHI UKUBA NOTHANDO EBANDLENI​—KUBAHLOLOKAZI NABANGENATATA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Ibandla libonise njani ukuba limthanda nyhani udade Myint?

  • Uthando olwaboniswa libandla lwenza lazukiswa njani igama likaYehova kwilali yalo dade?

  • Uthando olwaboniswa libandla lwazinceda njani iintombi zikadade Myint?

Zeziphi ezinye iindlela onokubonisa ngazo ukuba uyabathanda oodade ebandleni lakho?