INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
“Ungaze Ube Nexhala”
UYehova wayewanceda amaSirayeli asokolayo. Zeziphi iindlela abanceda ngazo abakhonzi bakhe abasokolayo namhlanje?
-
Ubafundisa ukuba bangazixakekisi ngemali.—Luk 12:15; 1Ti 6:6-8
-
Ubanceda ukuba bangazijongeli phantsi.—Yobhi 34:19
-
Ubafundisa ukuba basebenze nzima baze bakuphephe ukwenza izinto eziza kubafaka engxakini.—IMi 14:23; 20:1; 2Ko 7:1
-
Ubanika abazalwana noodade abanothando. —Yoh 13:35; 1Yo 3:17, 18
-
Ubanika ithemba.—Nd 9:18; Isa 65:21-23
Noba kunganzima kangakanani, asimele sibe nexhala. (Isa 30:15) UYehova uza kuhlala esinika izinto esizidingayo ukuba nje sihlala sifuna kuqala uBukumkani bakhe.—Mat 6:31-33.
BUKELA IVIDIYO ETHI UTHANDO ALUSOZE LUPHELE NOBA KUKHO INDLALA—ECONGO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Abazalwana abahlala kufuphi nendawo indibano yengingqi engenela kuyo babancede njani abo basuka kwiindawo ezikude?
-
Le vidiyo isifundisa ntoni ngendlela uYehova abathanda ngayo abantu abasokolayo?
-
Singamlinganisa njani uYehova kungakhathaliseki ukuba sinezinto ezingakanani?