YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA
Zicingele Izifundo Zakho
Ukucingela abanye kuthetha ukuqonda indlela abacinga ngayo, abaziva ngayo, nokuzazi izinto ezibalulekileyo kubo nabazidingayo. Abantu bayasibona xa sibacingela, ibe xa sibacingela sitsho sifune ukubanceda nyhani. Xa abantu sibacingela entsimini, sibonisa indlela uYehova abakhathalele ngayo nabathanda ngayo ibe loo nto iza kubenza bafune ukumazi.—Fil 2:4.
Xa sibonisa abantu ukuba siyabacingela, loo nto asiyenzi nje xa sibafundisa, sibonisa ngokuthi sibamamelisise nangokuba nobubele. Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyabacingela abanye kukuthetha kakuhle nangokusebenzisa izandla, iingalo, nobuso ukuze sibonise indlela esiziva ngayo. Xa sibonisa umdla ebantwini, loo nto iza kubonisa ukuba siyabacingela. Sinokucinga nangezinto anomdla kuzo loo mntu sithetha naye, izinto azikholelwayo kunye nendlela aphila ngayo. Sinokumfundisa izinto eziza kumnceda ebomini bakhe kodwa singamnyanzeli ukuba atshintshe. Xa abantu esishumayela kubo bevuma ukuncedwa sithi, siza kutsho sikonwabele ukushumayela.
BUKELA IVIDIYO ETHI VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI—PHUCULA INDLELA OFUNDISA NGAYO—ZICINGELE IZIFUNDO ZAKHO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
UNeeta ubonise njani ukuba uyamcingela uJade xa efike emva kwexesha?
-
UNeeta ubonise njani ukuba uyamcingela uJade xa ebesithi unestres ngoko abazukwazi ukufunda?
-
UNeeta ubonise njani ukuba uyamcingela uJade xa esithi akakuthandi ukuklina?