Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA

Yiba Nehlombe Xa Ufundisa

Yiba Nehlombe Xa Ufundisa

Ihlombe liyabanceda abanye. Xa sinalo, abantu abasimameleyo baza kutsho bazimamelisise izinto esizithethayo. Kwakhona, xa sinehlombe sibonisa ukuba siyayithanda loo nto siyifundisayo. Nokuba sikhule njani okanye singabantu abanjani, singanalo ihlombe. (Rom 12:​11) Njani?

Okokuqala, cinga ngendlela ebaluleke ngayo loo nto uyifundisayo, kaloku wenza umsebenzi obaluleke kakhulu wokushumayela “iindaba ezilungileyo zezinto ezintle!” (Rom 10:​15) Okwesibini, cinga ngendlela iindaba ezilungileyo ozishumayelayo ezinokubuphucula ngayo ubomi babantu abakumameleyo. Bakudinga nyhani ukuziva kakuhle izinto ozithethayo. (Rom 10:​13, 14) Okokugqibela, zimisele xa uthetha, ude usebenzise iingalo nobuso.

BUKELA IVIDIYO ETHI VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI​—PHUCULA INDLELA OFUNDISA NGAYO​—YIBA NEHLOMBE XA UFUNDISA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • UNeeta utyhafiswe yintoni kwisifundo sakhe noJade?

  • Yintoni encede uNeeta waphinda wasivuyela isifundo sabo?

  • Ihlombe lethu lingabanceda abanye

    Kutheni sifanele sihoye izinto ezintle ebantwini esithetha nabo?

  • Xa sinehlombe, loo nto ingabanceda njani abantu esibafundelayo nabanye abantu?