Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA

Yenza Imizekelo Ukuze Ucacise Izinto Ezibalulekileyo

Yenza Imizekelo Ukuze Ucacise Izinto Ezibalulekileyo

Xa sisenza amabuyelo okanye siqhuba izifundo zeBhayibhile, sifanele sincede abantu abasimameleyo baziqonde kakuhle ezona zinto zibalulekileyo esizifundisayo. Ukuba sisebenzisa imizekelo ukuze siyenze le nto, siza kubafikelela iintliziyo size sibancede bazikhumbule izinto ezibalulekileyo.

Xa ulungiselela ukwenza ibuyelo okanye ukuqhuba isifundo seBhayibhile, khetha ezona zinto zibalulekileyo ofuna ukuzicacisa. Emva koko ukhethe imizekelo elula neqhelekileyo. (Mat 5:14-16; Mar 2:21; Luk 14:7-11) Cinga nangendlela akhuliswe ngayo umntu othetha naye kunye nezinto aqhele ukuzenza. (Luk 5:2-11; Yoh 4:7-15) Xa ubona indlela avuya ngayo kuba eyiqonda into oyifundisayo, nawe uza kuvuya kakhulu.

BUKELA IVIDIYO ETHI VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI​—PHUCULA INDLELA OFUNDISA NGAYO​—YENZA IMIZEKELO UKUZE UCACISE IZINTO EZIBALULEKILEYO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kutheni abantu abafundelwayo besenokudinga uncedo ukuze baqonde iivesi zeBhayibhile?

  • UNeeta uyizekelise njani into echazwa kumaRoma 5:12?

  • Imizekelo eyenziwe kakuhle ifikelela intliziyo

    Imizekelo eyenziwe kakuhle ingabanceda njani abantu abasimameleyo?

  • Kutheni kufuneka sisebenzise iividiyo nezinye izinto zokufundisa esizenzelwe yintlangano kaYehova xa sishumayela?