Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

UYehova Usiqeqesha Kuba Esithanda

UYehova Usiqeqesha Kuba Esithanda

Ukuqeqesha kukuyalela nokufundisa, kodwa akuphelelanga apho, kusenokuba kukulungisa okanye ­ukohlwaya. UYehova uyasiqeqesha ukuze sikwazi ukumkhonza ngendlela afuna ngayo. (Rom 12:1; Heb 12:10, 11) Ngamanye amaxesha kuba buhlungu ukuqeqeshwa, kodwa lowo uqeqeshwayo utsho abe nobulungisa aze asikelelwe nguYehova. (IMi 10:7) Abo baqeqeshwayo nabaqeqeshayo bafanele bakhumbule ntoni?

Umntu oqeqeshayo. Abadala, abazali, nabanye abantu bazama ngandlela zonke ukuqeqesha ngobubele nangothando njengoYehova. (Yer 46:28) Xa kufuneka umntu enikwe uqeqesho, loo nto yenziwa kakuhle nangothando.​—Tit 1:13.

Umntu oqeqeshwayo. Noba siqeqeshwa njani, akufunekanga silubaleke uqeqesho, kodwa simele silwamkele ngokukhawuleza. (IMi 3:11, 12) Kuba singafezekanga, sonke siyakudinga ukuqeqeshwa ibe olo qeqesho sisenokulufumana ngeendlela ezingafaniyo. Ngamanye amaxesha siqeqeshwa zizinto esizifunda eBhayibhileni okanye zizinto esizifunda kwiintlanganiso zebandla. Kanti sisenokuqeqeshwa yikomiti egwebayo. Xa siyamkela ingqeqesho, siza kuba nobomi obubhetele size siphile ngonaphakade.​—IMi 10:17.

BUKELA IVIDIYO ETHI “ABO UYEHOVA ABATHANDAYO UYABAQEQESHA,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Baqala njani ubomi bukaCanon, ibe batshintsha njani?

  • UYehova wamqeqesha njani ngothando?

  • Luthande uqeqesho olusuka kuYehova

    Amava wakhe asifundisa ntoni?