Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Hlalani Nilindile Njengokuba Sisekupheleni ‘Kwemihla Yokugqibela’

Hlalani Nilindile Njengokuba Sisekupheleni ‘Kwemihla Yokugqibela’

Njengokuba sisekupheleni ‘kwemihla yokugqibela,’ ayisothusi into yokuba iingxaki zisiya zisanda. (2Ti 3:1; Mat 24:8) Xa kuza kubakho intlekele, amaxesha amaninzi abantu bakaYehova baye bafumane ukhokelo olufika ngexesha elifanelekileyo noluza kusindisa ubomi babo. Ukusinda kwabo xa kusenzeka loo nto kungaxhomekeka kwindlela abazilungiselela ngayo ngoku, ebomini babo nakubuhlobo babo noYehova.​—Luk 16:10.

  • Zilungiselele ngokuqinisa ubuhlobo bakho noYehova: Yiba nexesha oyifunda ngalo iBhayibhile nelokwenza ufundisiso lobuqu. Funda ukushumayela ngeendlela ezahlukeneyo. Ungabinaxhala xa wahlukaniswe nabantu abasebandleni. (Isa 30:15) Soze wahlukaniswe noYehova kunye noYesu.​—od 176 ¶15-17

  • Lungiselela izinto eziza kukunceda: Iintsapho zifanele zibe noobhaka abanezinto zongxamiseko, ukutya, amanzi kunye namayeza abekwe ecaleni. Ezi zinto zilungiselelwe ukuze zisetyenziswe xa kunokufuneka zihlale endaweni enye ixesha elide.​—IMi 22:3; g17.5 46

BUKELA IVIDIYO ETHI NGABA SOWUYILUNGISELELE INTLEKELE? UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Singabuqinisa njani ubuhlobo bethu noYehova xa silungiselela intlekele?

  • Kutheni kubalulekile . . . 

    • ukuthetha nabadala?

    • ukuba nobhaka onezinto zongxamiseko?

    • ukuthetha ngeentlekele ezinokubakho nangezinto onokuzenza xa zifika?

  • Zeziphi iindlela ezintathu esingabanceda ngazo abantu abahlelwe yintlekele?

KHAWUZIBUZE, ‘Ziintoni endinokuzifunda ngokuhlala ndilungiselele nantoni na kwikhorona?’