Nika UYehova Konke Onako
KwaSirayeli, wonke umntu wayekwazi ukunikela nokuba wayesokola kangakanani na. Noyena mntu wayesokola kakhulu wayekwazi ukunikela ngako konke anako, ibe loo nto yayimvuyisa uYehova. Babekwazi ukunikela ngomgubo, kodwa uYehova wayelindele ukuba ibe ngumgubo “ocolekileyo,” lowo udla ngokusetyenziswa xa kukho iindwendwe ezibalulekileyo. (Gen 18:6) Nanamhlanje, uYehova uyavuya xa sinikela “umbingelelo wokumdumisa” nokuba iimeko zethu zinjani.—Heb 13:15.
Ingakukhuthaza njani le nto ukuba awusakwazi kuzenza izinto ubuqhele ukuzenza, ngenxa yempilo okanye ukungabi namandla?