Kwacaca Ukuba UYehova Uyabasikelela
UYehova wakhupha umlilo owatshisa umnikelo otshiswayo wokuqala xa kwakubekwa ababingeleli abaphuma kuAron. Le nto yayibonisa ukuba uYehova uyabamkela ibe uyabaxhasa. Kangangokuba uYehova wathi kumaSirayeli afanele abaxhase aba babingeleli. Namhlanje, uYehova usebenzisa uYesu Kristu ozukileyo njengoyena Mbingeleli Mkhulu. (Heb 9:11, 12) Ngo-1919, uYesu wakhetha iqela labathanjiswa elincinci walenza laba ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat 24:45) Yintoni ebonisa ukuba uYehova uyalisikelela ikhoboka elithembekileyo ibe uyalithanda?
-
Nangona sitshutshiswa, ikhoboka elithembekileyo liqhubeka lisinika izinto ezisiqinisa ukholo
-
Njengokuba kwakuprofetiwe, iindaba ezilungileyo ziyashunyayelwa “emhlabeni wonke.”—Mat 24:14
Singalixhasa njani ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi?