Isizathu Sokwenziwa Kweminikelo
UMthetho kaMoses wawuyalela amaSirayeli ukuba enze iminikelo kunye nemibingelelo. Le minikelo yayimvuyisa uYehova ibe yayibonisa indlela uYesu aza kusihlawulela ngayo okanye izinto ezivuyisayo esiza kuzifumana ngenxa yokuzinikela kwakhe.—Heb 8:3-5; 9:9; 10:5-10.
-
Njengokuba zonke izilwanyana ekwakubingelelwa ngazo kwakufuneka ziphile ibe zingabi nasiphako, noYesu wanikela ngomzimba wakhe ofezekileyo.—1Pe 1:18, 19; jonga umfanekiso okwiphepha lokuqala
-
Njengokuba iminikelo etshiswayo yayinikelwa yonke kuThixo, noYesu wazinikela ngokupheleleyo kuYehova
-
Njengokuba abantu ababesenza umbingelelo wobuhlobo owamkelekileyo babeye babeseluxolweni noThixo, nabathanjiswa abatyayo kwiSikhumbuzo baseluxolweni noThixo