Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
VUKANI!
Umbuzo: Ngaba ucinga ukuba kungakuhle ukuba abantu babe nemikhwa elungileyo endaweni yemibi?
Isibhalo: INt 7:8a
Unokuthi: La manqaku athetha ngemigaqo yeBhayibhile ebonisa indlela yokunceda abantu babe nemikhwa emihle.
VUKANI!
Umbuzo: Utshintsho awunakukwazi ukulunqanda. Ucinga ukuba yeyiphi eyona ndlela yokumelana nalo?
Isibhalo: INt 7:10
Unokuthi: [Mbonise inqaku elikwiphepha 10.] Eli nqaku lithetha ngemigaqo yeBhayibhile enokusinceda simelane notshintsho.
PHULAPHULA UTHIXO UZE UPHILE NGONAPHAKADE
Umbuzo: Wonke umntu unalo igama. UThixo yena? Ngubani igama lakhe?
Isibhalo: Nd 83:18
Unokuthi: Le ncwadi ithetha ngezinye izinto eziseBhayibhileni ezisifundisa ngoThixo. [Mbonise iphepha 6 nelama-7.]
ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO
Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.