Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 102-105

UYehova Uyakhumbula Ukuba Siluthuli

UYehova Uyakhumbula Ukuba Siluthuli

UDavide wasebenzisa izafobe ukucacisa inceba kaYehova.

  • 103:11

    Kanye njengokuba singenakuwuqonda ngokupheleleyo umgama ophakathi kwamazulu nomhlaba, asinakubuqonda ubukhulu bothando olungagungqiyo lukaYehova

  • 103:12

    UYehova uzibhekelisa kude kuthi izono zethu, njengempuma kwintshona

  • 103:13

    Kanye njengokuba utata evelana nonyana wakhe xa esiva ubuhlungu, noYehova uba nenceba kubantu abaguqukayo kwizono zabo