INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Umzalwana Wakho Naye Wafelwa NguYesu
UYesu wasifela sonke thina bantu banesono. (Rom 5:8) Akakho kuthi ongayithandiyo into yokuba uYesu wasifela. Kodwa ngamanye amaxesha kufuneka sikhumbule ukuba nomzalwana wethu uye wafelwa nguKristu. Singenza njani ukuze sibathande njengoKristu abazalwana noodadewethu abakhe baphazame njengathi? Nazi iindlela ezintathu. Okokuqala, kubahlobo bakho khawufake nabantu abanemvelaphi engafaniyo neyakho. (Rom 15:7; 2Ko 6:12, 13) Okwesibini, kufuneka sikulumkele ukuthetha okanye ukwenza izinto eziza kukhubekisa abanye. (Rom 14:13-15) Okwesithathu, xa umntu esicaphukisile masikhawuleze simxolele. (Luk 17:3, 4; 23:34) Xa sizama ukuxelisa uYesu ngezi ndlela, uYehova uza kulisikelela ibandla lethu ngoxolo nangomanyano.
BUKELA IVIDIYO ETHI, YIBA NGUMZEKELO OMHLE! UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Ekuqaleni uMiki wayeziva njani ngebandla lakhe?
-
Yintoni eyenza watshintsha indlela awayeziva ngayo?
-
UMiki wafunda ntoni kuYesu? (Mar 14:38)
-
IMizekeliso 19:11 isinceda njani ukuba sijonge izinto ezintle kwamanye amaKristu?