INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Yiba Nabahlobo Abakhonza UYehova
Kutheni simele sibe nabahlobo abakhonza uYehova? Kuba abahlobo bethu bayasakha okanye basimoshe. (IMi 13:20) Cinga ngoKumkani uYehowashe, owenza “okulungileyo emehlweni kaYehova” kuba wayengumhlobo kaYehoyada uMbingeleli oMkhulu. (2Kr 24:2) Emva kokuba efile uYehoyada, uYehowashe waba nabahlobo ababengamthobeli uThixo, waza naye wayeka ukukhonza uYehova.—2Kr 24:17-19.
Ngemihla yabapostile, umpostile uPawulos wafanisa ibandla lamaKristu ‘nendlu enkulu’ waza abantu abasebandleni wabafanisa ‘nezitya’. Xa sibaphepha abahlobo abangalunganga, nokuba ngabantu esizalana nabo okanye abasebandleni, siza kuqhubeka ‘sizizitya zenjongo ebekekileyo’. (2Ti 2:20, 21) Ngoko masiqhubeke sikhonza uYehova sizenzele abahlobo abasikhuthazayo nabasakhayo.
BUKELA IVIDIYO ETHI FUNDA UKULUPHEPHA UNXULUMANO OLUBI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Ziintoni ezinokusenza sizibone sele sinabahlobo abenza izinto ezimbi?
-
Kule vidiyo, yintoni encede aba bazalwana babini nalo dade bayeka ukuba nabahlobo abangalunganga?
-
Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile enokukunceda ubakhethe kakuhle abahlobo?