Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Iphulo Lokuhambisa Isimemo Sendibano

Iphulo Lokuhambisa Isimemo Sendibano

Nyaka ngamnye, silindela ngolangazelelo isidlo esisinandiphayo kwindibano yengingqi. Ukuze nabanye bangcamle ukulunga kukaYehova, siza kumema abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuze baye. (Nd 34:8) Qumrhu ngalinye labadala liza kugqiba ngeyona ndlela sinokusasazwa ngayo esi simemo.

IZINTO ESIFANELE SIZIKHUMBULE

  • Iza kuba nini indibano?

  • Iphulo liza kuqala nini ekuhlaleni?

  • Zibakho nini iintlanganiso zenkonzo yasentsimini ekuhlaleni?

  • Luluphi usukelo endizibekele lona kweli phulo?

  • Ngubani endiceba ukummema?

UZA KUTHINI XA USIHAMBISA?

Emva kokubulisa, unokuthi:

“Sikwiphulo elenziwa ehlabathini lonke lokusasaza isimemo sesihlandlo esibalulekileyo. Usuku, ixesha nendawo esiza kube sikuyo sibhalwe kwesi simemo. Siya kukuvuyela ukubakho kwakho.”

UNOKUWUHLAKULELA NJANI UMDLA?

Nangona sifuna ukumema abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka endibanweni, sifanele sihlakulele nawuphi na umdla oboniswayo.

Ngeempelaveki, unokuhambisa isimemo kunye neemagazini.