Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Entsha Yokuqalisa Incoko

Indlela Entsha Yokuqalisa Incoko

Ukususela ngoJanuwari 2016, ngasemva kuhlelo lukawonkewonke lweMboniselo kuza kube kukho inqaku elithi “Ithini IBhayibhile?” Eli nqaku litsha lenzelwe ukusinceda sikwazi ukuqalisa iincoko zeBhayibhile. Indlela elibhalwe ngayo iyafana neyamaphecana. Kuza kubakho umbuzo olandelwa yimpendulo eseBhayibhileni nezinye iingongoma ezongezelelekileyo.

Iincoko ezimnandi zeZibhalo zidla ngokukhokelela kwizifundo zeBhayibhile. Sebenzisa le ndlela intsha ukuze uncede abantu abaninzi abalambele inyaniso.—Mat 5:6.

INDLELA YOKUSEBENZISA ELI NQAKU:

  1. Cela uluvo lomnini-mzi komnye wemibuzo

  2. Phulaphula uze umbulele ngempendulo yakhe

  3. Funda umbhalo ongaphantsi komxholo othi, “Oko Kuthethwa YiBhayibhile,” uze ubuze uluvo lwakhe ngaloo vesi. Ukuba usenexesha, qhubeka nencoko usebenzisa ingongoma ephantsi komxholo othi, “Yiyiphi Enye Into Esinokuyifunda EBhayibhileni?”

  4. Hambisa imagazini

  5. Lungiselela ukubuyela nize nincokole ngombuzo wesibini