INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Unokumkhuthaza UmKristu Opholileyo
NgoLwesibini, ngoAprili 11, amaKristu amaninzi apholileyo aza kuya eSikhumbuzweni. Ebekade ebaleka kugqatso lobomi kodwa aye atyhafiswa zizizathu ezahlukeneyo, ezinye zazo kuthethwa ngazo kwincwadana ethi, Buyela KuYehova. (Heb 12:1) Sekunjalo, uYehova uyawaxabisa amaKristu apholileyo, uwathenge ngegazi loNyana wakhe. (IZe 20:28; 1Pe 1:18, 19) Singawanceda njani abuyele ebandleni?
Abadala bayawakhangela yaye bafuna ukuwanceda amaKristu apholileyo, njengomalusi okhangela imvu elahlekileyo kumhlambi. (Luk 15:4-7) Oku kubonisa ukuba uYehova uyawathanda. (Yer 23:3, 4) Sonke, sinokuwakhuthaza, kungekhona abadala kuphela. Umgudu esiwenzayo ukubonisa ububele novelwano kuwo, ukholisa uYehova kwaye unokuba nemiphumo emihle. (IMi 19:17; IZe 20:35) Ngoko ke, cinga ngomntu onokumkhuthaza kwaye ungalibazisi ukwenjenjalo!
BUKELA IVIDIYO ETHI KHUTHAZA ABAPHOLILEYO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:
-
Yintoni awayenzayo uAbbey xa wadibana neNgqina angalaziyo?
-
Kutheni sifanele sithethe nabadala xa sifuna ukunceda umntu opholileyo?
-
Wenza ntoni uAbbey xa wayetyelela uLaura okwesibini?
-
UAbbey wakubonisa njani ukuzingisa, umonde nothando xa wayezama ukukhuthaza uLaura?
-
Yintoni esinokuyifunda kumzekeliso kaYesu okuLuka 15:8-10?
-
Ziziphi iintsikelelo ezabakho ngenxa yemigudu eyenziwayo yokunceda uLaura?