Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Bamkele Ngobubele

Bamkele Ngobubele

Ngoobani abo? Nabani na oze kwiintlanganiso zamaKristu enoba uyaqala ukuza okanye ngabahlobo owabagqibela kudala. (Rom 15:7; Heb 13:2) Isenokuba ngumzalwana otyeleleyo osuka kwelinye ilizwe okanye umKristu opholileyo oneminyaka emininzi engasezi kwiintlanganiso. Khawucinge ngendlela ubuya kuvakalelwa ngayo ukuba ibinguwe. Ubungenakuthanda ukuba ubuliswe ngobubele? (Mat 7:12) Ngenxa yoko kungakuhle ukuba ungenza umgudu wokubulisa abanye kwiHolo yoBukumkani ngaphambi okanye emva kweentlanganiso. Oku kubangela ukuba kufudumale ebandleni ibe kuzukisa uYehova. (Mat 5:16) Kakade ke, ayinakufane yenzeke into yokuba sithethe nabantu bonke. Sekunjalo, wonke umntu uza kuziva amkelekile ukuba sonke sinento esiyenzayo. *

Asizibuki ngezihlandlo ezikhethekileyo kuphela iindwendwe njengaxa kukho iSikhumbuzo kodwa ngalo lonke ixesha. Xa abantu abaqalayo ukuza bebona indlela abathandwa ngayo kwibandla lamaKristu, oko kunokubangela ukuba bamzukise uThixo baze bafune ukukhonza nathi kunqulo olunyulu.—Yoh 13:35.

^ isiqe. 3 IBhayibhile ithi masinganxulumani nabantu abasusiweyo kubudlelane okanye abazahluleyo abasenokuza kwiintlanganiso.—1Ko 5:11; 2Yo 10.