Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YEREMIYA 17-21

Vumela UYehova Abumbe Indlela Ocinga Noziphatha Ngayo

Vumela UYehova Abumbe Indlela Ocinga Noziphatha Ngayo

Sabela Xa UYehova Ekuxonxa

18:1-11

  • UYehova usenza sibe neempawu zamaKristu ngokuthi asiluleke okanye asiqeqeshe

  • Kufuneka sibe bhetyebhetye size sithobeke

  • UYehova akasinyanzeli ukuba senze izinto esingafuniyo ukuzenza

Umbumbi usenokutshintsha ingqondo ngoko afanele akwenze ngesitya

  • Sisenokukhetha ukuvuma okanye singavumi ukubunjwa nguYehova kuba usinike inkululeko yokuzikhethela

  • UYehova ubaphatha abantu ngokwendlela abasabela ngayo kulwalathiso lwakhe

Ziziphi iindlela endifuna uYehova andibumbe ngazo?