Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

VUKANI!

Umbuzo: Iimuvi neenkqubo zeTV namhlanje zidla ngokubonisa abantu abanamandla angaqhelekanga, amagqwirha neevampire. Ucinga ntoni wena? Ngaba ezi zinto aziyongozi okanye ziyingozi?

Unokuthi: Lo Vukani! uthetha ngesizathu sokuba abantu benomdla kangaka kumandla angaqhelekanga noko bangakwaziyo ngawo.

FUNDISA INYANISO

Umbuzo: UBukumkani bukaThixo buza kuzilungisa njani iingxaki ezikhoyo emhlabeni?

Isibhalo: Mat 6:10

Inyaniso: UBukumkani bukaThixo buza kuzisa uxolo nokhuseleko emhlabeni—njengokuba sele kukwenzile oko ezulwini.

YINTONI UBUKUMKANI BUKATHIXO? (Xa ubuyela)

Umbuzo: [Unokubuza umbuzo ongasemva kwiphecana.] Buza kuba njani ubomi xa kulawula uBukumkani bukaThixo?

Isibhalo: Nd 37:29; Isa 65:21-23

Unokuthi: [Mbonise incwadana ethi, Iindaba Ezilugileyo.] Isifundo 7 kule ncwadana sisixelela ngendlela ezinokusinceda ngayo ezi zithembiso. [Qalisa isifundo seBhayibhile usebenzisa le ncwadana.]

ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO

Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.