Aprili 2-8
MATEYU 26
Ingoma 8 Nomthandazo
Amazwi Okuvula (imiz. 3 nangaphantsi)
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
“IPasika NeSikhumbuzo—Izinto Ezifana Nezahluke Ngazo”: (imiz. 10)
Mat 26:17-20—UYesu watya iPasika yokugqibela nabapostile bakhe (umfanekiso “weSidlo Sepasika” ekuthethwa ngaso kuMateyu 26:18)
Mat 26:26—Isonka seSikhumbuzo simela umzimba kaYesu (ingcaciso yegama elithi “kuthetha” elikuMateyu 26:26)
Mat 26:27, 28—Iwayini yeSikhumbuzo imela ‘igazi [likaYesu] lomnqophiso.’ (ingcaciso yebinzana elithi “igazi lam lomnqophiso” elikuMateyu 26:28)
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni: (imiz. 8)
Mat 26:17—Kutheni kusithiwa uNisan 13 ‘ngumhla wokuqala wamaqebengwana angenagwele’? (ingcaciso yebinzana elithi “ngomhla wokuqala wamaqebengwana angenagwele” elikuMateyu 26:17)
Mat 26:39—Inoba yintoni eyabangela ukuba uYesu athandaze athi: “Mayidlule le ndebe kum”? (ingcaciso yebinzana elithi “mayidlule le ndebe” elikuMateyu 26:39)
Yintoni endiyifundileyo ngoYehova kufundo lweBhayibhile lwale veki?
Bubuphi obunye ubuncwane obuseBhayibhileni obufumene kufundo lweBhayibhile lwale veki?
Ufundo LweBhayibhile: (imiz. 4 nangaphantsi) Mat 26:1-19
YIKHUTHALELE INTSIMI
Ividiyo Yotyelelo Lokuqala: (imiz. 4) Yidlale nize nincokole ngayo.
Xa Ubuyela Okokuqala: (imiz. 3 nangaphantsi) Jonga kwindawo ethi iincoko onokuzisebenzisa.
Isifundo SeBhayibhile: (imiz. 6 nangaphantsi) bh 55 ¶21-22. Cacisa ukuba kutheni sisenza iSikhumbuzo kanye ngonyaka ngoNisan 14, nokuba ngoobani abamele bathabathe. Bona isihlomelo esikwiphepha 206-208.
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Iimfuno Zebandla: (imiz. 8)
Yiba Ngumhlobo KaYehova—Intlawulelo: (imiz. 7) Dlala ividiyo. Emva kwevidiyo, cela abantwana obakhethileyo beze eqongeni, ubabuze le mibuzo: Kutheni abantu begula, baguge baze basweleke? UYehova usithembise ntoni? Ngubani ofuna ukumbona eParadesi?
ISifundo SeBhayibhile Sebandla: (imiz. 30) lv isihlomelo iphe. 212-215
Impinda Yentlanganiso Elandelwa Ngamagqabantshintshi Entlanganiso Yeveki Elandelayo (imiz. 3)
Ingoma 102 Nomthandazo