INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Zisebenzise Ngobuchule Izixhobo Zethu Zokufundisa
Ukwenza abafundi kufana nokwakha indlu. Ukuze sakhe kakuhle, simele sifunde ukuzisebenzisa kakuhle izixhobo esinazo. Esona sixhobo sibalulekileyo esimele sisisebenzise ngobuchule, liLizwi LikaThixo. (2Ti 2:15) Ukuze sikwazi ukwenza abafundi, simele sizame ukuzisebenzisa kakuhle nezinye Izixhobo Zethu Zokufundisa, njengeempapasho neevidiyo. *
Unokwenza njani ukuze uphucule ekusebenziseni Izixhobo Zethu Zokufundisa? (1) Cela umveleli weqela okulo lentsimi akuncede, (2) sebenza nomvakalisi okanye uvulindlela onamava uze (3) uziqhelanise nazo. Njengokuba usiya usiba nobuchule ekusebenziseni iimpapasho neevidiyo esinazo, uya kukuvuyisa lo msebenzi wokwenza abafundi.
IIMAGAZINI
IINCWADANA EZINEMIFANEKISO
IINCWADI
AMAPHECANA
IIVIDIYO
IZIMEMO
AMAKHADI E-JW.ORG
^ isiqe. 3 Iimpapasho ezimbalwa ezingekhoyo kwezi Zixhobo Zethu Zokufundisa zazibhalelwe abantu abathile abakhethekileyo. Zisenokusetyenziswa xa kuyimfuneko.