Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Thanda Le KaThixo Imfundo

Thanda Le KaThixo Imfundo

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: UmYaleli Ozukileyo, uYehova, usifundisa ngeyona ndlela izodlula zonke. Usifundisa indlela yokuphucula ubomi bethu aze asilungiselele ukuphila kwixesha elizayo. Akasibhatalisi mali ngale mfundo. (Isa 11:6-9; 30:20, 21; ISi 22:17) UYehova usifundisa nendlela yokuchazela abanye umyalezo osindisa ubomi.​—2Ko 3:5.

INDLELA ONOKWENZA NGAYO:

  • Funda ukuba ngumntu othobekileyo nolulamileyo.​—Nd 25:8, 9

  • Vuma ukuqeqeshelwa izinto onokukwazi ukuzenza ngoku, njengokunikela iintetho kwintlanganiso yaphakathi evekini

  • Cinga ngezinye iindlela onokumkhonza ngazo uYehova uze usebenzele ukuzenza.​—Fil 3:13

  • Ncama ezinye izinto ukuze ukwazi ukuqeqeshwa nangezinye iindlela.​—Fil 3:8

BUKELA IVIDIYO ETHI IINTSIKELELO ZOKUFUNDISWA NGUYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Ziziphi iingxaki ezingakhange zibanqande abanye abavakalisi ukuba baye kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani?

  • Luluphi uqeqesho olufunyanwa kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani?

  • Ibandla liye labanceda njani abavakalisi abasuka kwesi sikolo kwizabelo zabo ezitsha?

  • Ziziphi izinto ezikwenza ukufanelekele ukuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani? (kr 189)

  • Yeyiphi enye into onokuqeqeshelwa yona kwintlangano kaYehova?

Ziziphi iintsikelelo oza kuzifumana xa uthanda imfundo kaThixo?