Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Uza Kusilungiselela Njani ISikhumbuzo?

Uza Kusilungiselela Njani ISikhumbuzo?

Ukuqala kulo nyaka, siza kuba nexesha elininzi lokulungiselela iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Xa siphakathi evekini, iintlanganiso Zobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela azizukubakho kuloo veki. Xa singempela-veki, intetho yesidlangalala neSifundo SeMboniselo azizukubakho. Uza kulisebenzisa njani eli xesha longezelelekileyo? Njengokuba kwakusenziwa ngexesha likaYesu, kumele kubekho amalungiselelo enziwayo eSikhumbuzo. (Luk 22:7-13; km 3/15 1) Kodwa kukho izinto esimele sizenze sonke ukuze sincedakale kakhulu ngexesha leSikhumbuzo. Ziintoni ezo?

  • Cingisisa ngendlela ekubaluleke ngayo ukubakho.​—1Ko 11:23-26

  • Thandaza uze ucinge ngobuhlobo bakho noYehova.​—1Ko 11:27-29; 2Ko 13:5

  • Funda iZibhalo neencwadi ezibonisa into ethethwa siSikhumbuzo uze ucingisise ngazo.​—Yoh 3:16; 15:13

Abanye abavakalisi bafunda baze bacingisise ngeZibhalo ezikufundo lweBhayibhile LweSikhumbuzo kwincwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Abanye bafunda iZibhalo ezikule tshati ingezantsi. Kanti abanye bafunda amanqaku eMboniselo athetha ngeSikhumbuzo nabonisa indlela uYehova noYesu abasithanda ngayo. Nokuba ukhetha ukufunda ntoni, sinqwenela ukuba ikusondeze kuYehova noNyana wakhe.