Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iincoko Onokuzisebenzisa

Iincoko Onokuzisebenzisa

●○○ UTYELELO LOKUQALA

Umbuzo: Kwakutheni ukuze uThixo adale abantu?

Isibhalo: Gen 1:28

Umbuzo Wokubuyela: Sazi njani ukuba uThixo uza kuyiphumeza injongo yakhe ngabantu?

○●○ XA UBUYELA OKOKUQALA

Umbuzo: Sazi njani ukuba uThixo uza kuyiphumeza injongo yakhe ngabantu?

Isibhalo: Isa 55:11

Umbuzo Wokubuyela: Buza kuba njani ubomi xa uThixo eyiphumeza injongo yakhe?

○○● XA UBUYELA OKWESIBINI

Umbuzo: Buza kuba njani ubomi xa uThixo eyiphumeza injongo yakhe?

Isibhalo: Nd 37:10, 11

Umbuzo Wokubuyela: Simele senze ntoni ukuze sibekho xa uThixo ezenza izinto azithembisileyo?

IPHULO LOKUMEMELA ABANTU ESIKHUMBUZWENI (Matshi 14–Aprili 7):

“Sikumemela kwinto ebalulekileyo ibe iimiliyoni zabantu ziza kuya kuyo. Siza kuba neSikhumbuzo sokufa kukaYesu.” Nika umntu othetha naye isimemo. “Esi simemo sinexesha nendawo esiza kuba kuyo esi Sikhumbuzo. Sikumemela nakwintetho ekhethekileyo eza kubakho kwiveki engaphambi kweSikhumbuzo.”

Umbuzo Wokubuyela Ukuba Unomdla: Kwakutheni ukuze uYesu afe?