Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 32-33

Ngaba Uyakusebenzela Ukufumana Intsikelelo?

Ngaba Uyakusebenzela Ukufumana Intsikelelo?

32:24-28

Ukuze sifumane intsikelelo kaYehova, simele siqiniseke ukuba ukumkhonza yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu ngaphezu kwayo nantoni na. (1Ko 9:26, 27) Xa sikhonza uYehova, nathi simele senze njengoYakobi owajijisana nengelosi ukuze afumane intsikelelo. Sibonisa ukuba siyayifuna intsikelelo kaYehova ngokuthi . . . 

  • Silungiselele kakuhle xa sisiya kwiintlanganiso

  • Siyikhuthalele intsimi

  • Sizame ukunceda abanye ebandleni

Nokuba uneengxaki ezinzima kangakanani, qhubeka uthandaza ucela uncedo kuYehova, uze ucele intsikelelo yakhe njengokuba usebenza nzima ukuze umkhonze.

KHAWUZIBUZE, ‘Ziintoni endinokuziphucula ebomini bam ukuze ndifumane intsikelelo kaYehova?’