Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Yintoni Ebaluleke Kakhulu Kum?

Yintoni Ebaluleke Kakhulu Kum?

UYakobi wajijisana nengelosi ukuze afumane into ebaluleke kakhulu—intsikelelo kaYehova. (Gen 32:24-31; Hos 12:3, 4) Thina, ngaba sizimisele ukusebenza nzima ukuze sithobele uYehova size sifumane intsikelelo yakhe? Ngokomzekelo, ukuba kufuneka sikhethe phakathi kokuya kwiintlanganiso okanye ukusebenza iiyure ezininzi, siza kukhetha ntoni? Xa simnika yonke into esinayo uYehova, ixesha lethu, amandla ethu nezinto esinazo, uza ‘kuqongqothela phezu kwethu intsikelelo kude kungabikho nto siyidingayo.’ (Mal 3:10) Uza kusikhokela, asikhusele aze asinike izinto esizidingayo.—Mat 6:33; Heb 13:5.

BUKELA IVIDIYO ETHI HLALA KUSUKELO LWAKHO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:

  • Lo dade ulingwe njani yinto ayithandayo?

  • Ungasilinga njani umsebenzi esiwenzayo?

  • Kwakutheni ukuze kufuneke uTimoti asoloko ezenzela usukelo nangona wayenexesha elide ekhonza uYehova?—1Ti 4:16

  • Yintoni ebaluleke kakhulu ebomini bakho?

    Singabonisa njani ukuba ngowuphi owona msebenzi ubaluleke kakhulu kuthi?