Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“Balahle Oothixo Bobuxoki”

“Balahle Oothixo Bobuxoki”

UYakobi wayesazi ukuba kufanele kukhonzwe uYehova yedwa, nangona wawungekabikho umthetho ongakuvumeliyo ukukhonza abanye oothixo. (Eks 20:3-5) Ngoko emva kokuba uYehova emxelele ukuba makabuyele eBheteli, uYakobi waxelela bonke abantu ukuba balahle oothixo babo bobuxoki. Naye wabalahla, namacici ekusenokwenzeka ukuba ayenxityelwa ukuzikhusela kwimimoya emdaka. (Gen 35:1-4) Ngokuqinisekileyo uYehova yamvuyisa nyhani le nto yenziwa nguYakobi.

Kule mihla, sinokwenza ntoni ukuze siqiniseke ukuba sikhonza uYehova yedwa? Enye into ebalulekileyo esimele siyenze kukuphepha nantoni na edibene nemimoya okanye izithixo. Le nto ithetha ukuba simele sizilahle zonke izinto ezidibene nokusebenzelana nemimoya size sizikhethe kakuhle izinto esizonwabisa ngazo. Ngokomzekelo khawuzibuze: ‘Ngaba ndiyathanda ukufunda iincwadi okanye ukubukela iimuvi ezineevampire, iizombie, okanye abantu abanamandla angaqhelekanga? Ngaba izinto endizonwabisa ngazo zenza kubonakale ngathi imilingo, nokuthakatha abantu zizinto nje ezingenamsebenzi?’ Kufuneka sidlalele kude kuyo nantoni na uYehova ayicaphukelayo.—Nd 97:10.

BUKELA IVIDIYO ETHI “MCHASENE UMTYHOLI,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Waba nengxaki yantoni uPalesa owayefundelwa iBhayibhile?

  • Kutheni kubalulekile ukucela uncedo kubadala xa umntu esimaziyo okanye esimfundelayo enengxaki enento yokwenza needemon?

  • Mchaseni uMtyholi, nize nisondele kuThixo.—Yak 4:7, 8

    Ziintoni abafanele bazilahle ngokupheleleyo abantu abafuna ukukhuselwa nguYehova?

  • Wenza esiphi isigqibo uPalesa?

  • Kwindawo ohlala kuyo, unokuziphepha njani izinto ezidibene needemon?