Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Ukulungela Zonke Iimeko

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—Ukulungela Zonke Iimeko

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Abathanjiswa nezinye izimvu bamema zonke iintlobo zabantu ‘zizokusela amanzi obomi ngesisa.’ (ISi 22:17) La manzi okomfuziselo amela zonke izinto uYehova azenzela abantu abamthobelayo ukuze abakhusele kwisono nokufa. Ukuze sikwazi ukunceda abantu abanamasiko neenkolelo ezahlukeneyo kufuneka sithethe nabo ‘ngeendaba ezilungileyo ezingunaphakade’ ngendlela eza kubenza babe nomdla.​—ISi 14:6.

INDLELA ONOKWENZA NGAYO:

  • Khetha umbhalo nomxholo oza kuthandwa ngabantu abakwintsimi yakho. Usenokukhetha enye yeencoko onokuzisebenzisa okanye incoko owakha wayisebenzisa yaza yakusebenzela. Ziziphi iincoko nezibhalo abantu abazithandayo? Ikhona into esematheni abantu abathetha ngayo? Xa ndincokola nendoda okanye ibhinqa, ziintoni endinokuthetha ngazo abanokuba nomdla kuzo?

  • Babulise uze uncokole nabo ngendlela eniqhele ukwenza ngayo kwindawo enihlala kuyo.​2Ko 6:3, 4

  • Zazi kakuhle iincwadi neevidiyo ezikwiZixhobo zethu Zokufundisa ukuze ukwazi ukunceda umntu onomdla

  • Dawunlowuda izinto zeelwimi ezikhoyo kwintsimi yakho

  • Yitshintshe incoko yakho ukuze ilungele umninimzi. (1Ko 9:19-23) Ngokomzekelo, unokuthini ukuba umninimzi usandokuswelekelwa?

BUKELA IVIDIYO UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Yintoni aqale wancokola ngayo umvakalisi nomninimzi?

  • Umninimzi ebehlutshwa yintoni?

  • Sisiphi isibhalo esimncedileyo ibe ngoba?

  • Wena uyitshintsha njani incoko yakho ukuze uncede umninimzi?