Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRIST

Umhlaba “Wawuginya Umlambo”

Umhlaba “Wawuginya Umlambo”

Amaxesha amaninzi kudala, abantu abasemagunyeni babebanceda abantu bakaYehova. (Ezr 6:1-12; Est 8:10-13) Nakule mihla, siye sawubona “umhlaba”​—amanye amagunya ehlabathi aye agweba ngokufanelekileyo—​uginya “umlambo” wentshuntshiso obangelwa ‘yinamba,’ uSathana uMtyholi. (ISi 12:16) UYehova, ‘uThixo osisindisayo’, ngamanye amaxesha usebenzisa abantu abalawulayo ukuze asincede.​—Nd 68:20; IMi 21:1.

Ukuba uvalelwe entolongweni ngenxa yokholo lwakho, ungaze uthandabuze ukuba uYehova unawe. (Gen 39:21-23; Nd 105:17-20) Qiniseka ngento yokuba uza kuvuzwa ngenxa yokholo lwakho kwaye ukuthembeka kwakho kuyabakhuthaza abazalwana ehlabathini lonke.​—Fil 1:12-14; ISi 2:10.

BUKELA IVIDIYO ETHI, BAKHULULWE ENTOLONGWENI ABAZALWANA BASEKOREA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kwakutheni ukuze kule minyaka idlulileyo abazalwana abaninzi baseSouth Korea bavalelwe entolongweni?

  • Inkundla iye yagweba njani ukuze abanye abazalwana bakhululwe ngaphambi kwexesha?

  • Singabanceda njani abazalwana bethu ehlabathini lonke abavalelwe ngenxa yokholo lwabo?

  • Sinokuyisebenzisa njani inkululeko esinayo ngoku?

  • Uzuko lumele luye kubani xa siye saphumelela enkundleni?

Ndiyisebenzisa njani eyam inkululeko?