UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO Disemba 2016
Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Iintshayelelo onokuzisebenzisa zikaVukani! onokufundisa ngazo inyaniso ngesizathu sokuba sehlelwe zizinto ezibuhlungu. Sebenzisa amacebiso akweli nqaku ukuze uzenzele eyakho intshumayelo.
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
“Masinyuke Siye Entabeni KaYehova”
Umprofeti uIsaya wathetha ngokutshintsha izixhobo zemfazwe zibe zizixhobo zokulima, ebonisa ukuba abantu bakaYehova baya kuba seluxolweni. (Isaya 2:4)
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Fikelela Intliziyo Ngencwadi Ethi, “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
Incwadi ethi, ‘Uthando LukaThixo’ inceda izifundo zeBhayibhile ziqonde indlela imigaqo kaThixo ezinokuyisebenzisa ngayo ebomini bazo bemihla ngemihla.
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
UMesiya Wazalisekisa Isiprofeto
Umprofeti uIsaya waprofeta ngokuba uMesiya uza kushumayela kummandla waseGalili. UYesu wasizalisekisa esi siprofeto njengoko wathath’ uhamba esiya kushumayela iindaba ezilungileyo.
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
“Ndikho! Thuma Mna!”
Sinokukuwuxelisa njani ukukulungela nokuba nokholo kukaIsaya? Funda kumava entsapho eyafudukayo yaza yaya kushumayela kwindawo ekufuneka abavakalisi abangakumbi.
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
Umhlaba Uya Kuzaliswa Kukwazi UYehova
Isiprofeto sikaIsaya sazaliseka njani kwixesha elidlulileyo, sizaliseka njani namhlanje kwaye siza kuzaliseka njani kwixesha elizayo?
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Imfundo Yobuthixo Iphelisa Ucalucalulo
Abantu ababeziintshaba ngoku ngabazalwana
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
Ukulisebenzisa Kakubi Igunya Kuya Kukubangela Uphulukane Nalo
Wayemele alisebenzise njani igunya uShebhena? Kwakutheni ukuze uYehova abeke uEliyakim esikhundleni sakhe?