Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“Ndikho! Thuma Mna!”

“Ndikho! Thuma Mna!”

Sifanele sixelise umoya wokuzincama kaIsaya. Waba nokholo waza wavuma ngaphandle kokulibazisa ukuthunywa nangona wayengazazi zonke iinkcukacha. (Isa 6:8) Ngaba awunakuhlengahlengisa iimeko zakho ukuze ukwazi ukuya kukhonza apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi? (Nd 110:3) Kakade ke, kubalulekile ‘ukubala iindleko’ kuqala xa uza kwenza loo nto. (Luk 14:27, 28) Kodwa ke, kulungele ukuncama izinto ozithandayo ngenxa yokushumayela. (Mat 8:20; Mar 10:28-30) Njengoko kubonisiwe kwividiyo ethi Ukufudukela Apho Imfuneko Inkulu Khona, iintsikelelo esizifumana enkonzweni kaYehova zizodlula lee izinto esizincamayo.

EMVA KWEVIDIYO, PHENDULA LE MIBUZO:

  • Ziintoni ekwafuneka zincanywe yintsapho yakwaWilliams ukuze ikwazi ukuya kukhonza e-Ecuador?

  • Ziintoni eyacinga ngazo xa yayikhetha indawo eyayiza kukhonza kuyo?

  • Ziziphi iintsikelelo eyazifumanayo?

  • Unokuyifumana phi inkcazelo engakumbi ngokuya kukhonza apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi?

KUNQULO LWENU LWENTSAPHO OLULANDELAYO, XUBUSHANI LE MIBUZO:

  • Sinokulandisa njani ixesha esilichitha entsimini? (km 8/11 4-6)

  • Ukuba asikwazi ukuya kukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi khona, ziziphi iindlela onokunceda ngazo ebandleni lakho? (w16.03 3-5)