INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Fikelela Intliziyo Ngencwadi Ethi, “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Ukuze abantu bakhonze uYehova ngendlela ayifunayo, kufuneka bafunde imigaqo yakhe bayithobele. (Isa 2:3, 4) Incwadi yesibini esiyifunda nabantu esibaqhubela isifundo, ethi “Uthando LukaThixo,” ibanceda baqonde indlela imigaqo yeBhayibhile esebenza ngayo ebomini babo. (Heb 5:14) Kufuneka sizame ukufikelela iintliziyo zabo xa sibafundisa ukuze babe nesizathu sokutshintsha iindlela zabo.—Rom 6:17.
INDLELA YOKUKWENZA:
-
Lungiselela kakuhle, ucinga ngezinto afuna ukuncedwa kuzo umfundi. Mbuze imibuzo eza kumenza aveze into ayicingayo ngaloo mbandela nithetha ngawo.—IMi 20:5; be 259
-
Sebenzisa iibhokisi ezikule ncwadi ukuze uncede umfundi abone ukubaluleka kokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile
-
Mncede aqiqe ngezinto ezifuna isazela sakhe, kodwa ungamenzeli isigqibo.—Gal 6:5
-
Yiba nobuchule bokubona xa kufuneka umncede asebenzise imigaqo ethile yeBhayibhile. Mkhuthaze ukuba atshintshe ngenxa yokuba ethanda uYehova.—IMi 27:11; Yoh 14:31