Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 1–5

“Masinyuke Siye Entabeni KaYehova”

“Masinyuke Siye Entabeni KaYehova”

2:2, 3

“Ekupheleni kwemihla”

Eli xesha sikulo

“Intaba yendlu kaYehova”

Unqulo lukaYehova olunyulu noluphakamileyo

“Ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga”

Abo balwamkelayo unqulo olunyulu bamanyene

“Yizani, masinyuke siye entabeni kaYehova”

Abanquli bokwenyaniso bamema nabanye abantu ukuba babe kunye nabo

“Asiyalele ngeendlela zakhe, ukuze sihambe emendweni wakhe”

NgeLizwi lakhe, uYehova uyasiyalela kwaye uyasinceda sihambe emendweni wakhe

2:4

“Zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona”

UIsaya wathetha ngokutshintsha izixhobo zemfazwe zibe zizixhobo zokulima, ebonisa ukuba abantu bakaYehova baya kuba seluxolweni. Yayiziintoni ezi zixhobo ngexesha likaIsaya?

“Amakrele azo abe ngamakhuba”

1 Ikhuba yayisisixhobo ekwakuhlakulwa ngaso. Amanye ayenziwe ngentsimbi.—1Sa 13:20

“Nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi”

2 Isikere sokuthena umthi, mhlawumbi sasimile okwerhengqa. Kwakuthenwa ngaso iidiliya.—Isa 18:5