INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela, Ukunceda ‘Abafanelekayo’ Babe Ngabafundi
ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: UYehova uyenza ikhule imbewu yenyaniso ezintliziyweni zabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’ (IZe 13:48; 1Ko 3:7) Sisebenzisana naye xa sisebenzisa onke amandla ethu kubantu abayithandayo into esibafundisa yona entsimini. (1Ko 9:26) Izifundo zeBhayibhile kufuneka ziqonde ukuba umKristu kufuneka abhaptizwe ukuze asinde. (1Pe 3:21) Sizinceda ukuba zibe ngabafundi ngokuzifundisa ukuba zitshintshe ubomi bazo, zishumayele zize zifundise ibe zizinikele kuYehova.—Mat 28:19, 20.
INDLELA YOKUYENZA:
-
Khumbuza izifundo zakho zeBhayibhile ukuba eyona nto ubafundela yona kukubanceda ‘bazi’ uYehova baze benze ukuthanda kwakhe.—Yoh 17:3.
-
Bancede baye besondela kuYehova ngokuthi baphume kwiingxaki abanazo, njengokuyeka izinto ezimbi nabahlobo abangalunganga.
-
Bakhuthaze uze ubomeleze ngaphambi kokuba babhaptizwe nasemva kokuba bebhaptiziwe.—IZe 14:22.
BUKELA IVIDIYO ETHI UYEHOVA UYA KUKUNCEDA, EMVA KOKO PHENDULA LE MIBUZO:
-
Ziintoni ezinokumenza umntu oyike ukuzinikela aze abhaptizwe?
-
Abadala bangazinceda njani izifundo zeBhayibhile zikhule?
-
UIsaya 41:10 usifundisa ntoni ngoYehova?
-
Zeziphi iimpawu ezinokusenza sithandwe nguYehova nokuba asifezekanga?